ISAZISO SIKARHULUMENTE
ISEBE LEZOBULUNGISA NOPHUHLISO LOMGAQO-SISEKO
UNYUSO LOMTHETHO WOLAWULO LWEZOBULUNGISA, KA-2000
UKUMISELWA KWEENKUNDLA ZOOMANTYI PHANTSI KWENKCAZELO "yeenkundla" EKUNYUSWENI KOMTHETHO WOLAWULO LWEZOBULUNGISA KA-2000 (UMTHETHO OYINOMBOLO YESI-3 KA-2000)
Mna Penuel Mpapa Maduna, uMphathiswa wezobuLungisa noPhuhliso loMgaqo-siseko, phantsi kwesigaba (b) (ii) kwisicatshulwa soku-1 somThetho wokuNyusa ukuLawula ngobuLungisa, ka-2000 (umThetho oyiNombolo yesi-3 ka-2000) umisela ukuba zonke iinkundla zoomantyi ezisekelwe nasiphi na isithili okanye icandelo lommandla njengeendawo zokubambela inkundla ngokwemiqathango yecandelo lesi-2 lomThetho weeNkundla zooMantyi, 1944 (umThetho oyiNombolo yama-32 ka-1944), njengeenkundla zokuqalisa iinkqubo, kuyo yonke le miba apho isigqibo solawulo sithathiweyo ngaphandle kwalapho ulungiselelo sele lwenziwe kumthetho lokuba iinkqubo ezingaphaya kufuneka zimiselwe kwinkundla ephezulu okanye kwenye inkundla, ngokwemiqathango yoNyuso lomThetho woLawulo lwezobuLungisa, ka-2000, kwezo ngingqi zabantu isenzo solawulo lobulungisa senzeke khona okanye umlawuli enendawo yakhe eyintloko yolawulo okanye iqela elimalungelo alo achaphazelekileyo lingabahlali okanye abakhi abaqhelekileyo okanye isiphumo esingalunganga sesenzo solawulo, sehla, siyehla okanye siya kwehla.
P M MADUMA
UMphathiswa wezobuLungisa noPhuhliso loMgaqo-siseko.
